KUSWELEKE ABANTU ABASIXHENXE KWINGOZI YEMOTO PHAKATHI KWE ABERDEEN NE BEAUFORT WEST.
- Author
- Jan 17, 2022
- 1 min read
Ngabantu abasixhenxe abathe babhubha abanye balimala ngokumasikizi ngethuba itekisi itshayisa ibus ebimile ilungiswa. Le ngozi yehle ngentseni yanamhlanje (02:20) phakathi kwe Aberdeen kunye ne Beaufort West.
Isithethi sezothutho eMpuma Koloni uUnathi Binqose uthe umqhubi wetekisi uphakathi kwabantu bathe babhubha ngethuba itekisi ibhukuqa. Abo bonzakeleyo baleqiswa kwisibhedlela sase Aberdeen, kunye nesase Midlands kwaye itekisi ibisuka eMpuma Koloni isingise eNtshona Koloni. Phakathi kwabantu ababhubhileyo kuquka abantwana abane.







Comments